Best isiXhosa First Language learners (Language Bonanza) in Overberg District

Three of our learners have won the distinction of being the best isiXhosa learners in the Overberg district. One of the pupils, Miss Yotsi of the grade 8 class, wrote our first isiXhosa post about this:

Igama lam ndingu Sherley Yotsi ndifunda kwibanga lesiThandathu (8e) .kwinyanga ezidlulileyo ndizibandakanye novavanyo lokufunda I Language Bonanza. ndaze ndayibhala xa bekuvulwa izikolo, isikolo sonke besibhala isiXhosa, English kunye ne Afrikaans. Ndiye ndanamanqaku aphezulu kwisikolo siphela. Bendizimiselele ngeyonandlela kuba bendifuna ukuba ngumzekelo kwabanye abantwana endifunda nabo. Ndiye ndaphumelele  ndimele iGrade yam injongo zam ibizezokuba ndibe neqhayiya ngam kunye nesikolo sam. Ndibulela Ootitshala bam besiXhosa u Mrs Mfene kunye No Miss Gono abathe banegalelo kwimpumelelo yam. Ndiyasithanda isikolo sam kuba sinegalelo kakhulu. Ndithanda ukukhuthaza nabanye abafundi bazimisele benze njengoko nam ndenzile.ngalomazwi ndiyabakhuthaza kuba kuthwa kwaXhosa” ubomi ngumzamo” awuvele uhlale phantsi ulindele yonke into ikuzele vuka uzenzele.

Enkosi

isiXhosa Winners in the Overberg District

Emihle Mqgwayi (Gr 9), Asiphe Mghwayi (gr 11 ) and Anelisa Yotsi (Gr 8 )

 

 

Comments are closed.